Ungamsebenzisa njani khuselekileyo uZenzeleni Community Networks
Ukusebenzisa indawo ekufumaneka kuzo i-intanethi ngokukhuselekileyo
- Sukusondelelana nabanye abantu, makubekho umda ongaka nge 1 metre okohlula kwabanye abantu.
- Xa ukhohlela okanye uthimla, sebenzisa itshefu ukogquma umlomo kunye ne mpumlo- ungakhohlelela okanye uthimlele nakwingqiniba yakho.
- Zikhwebule ekubambeni ubuso ngezandla ezimdaka kunye namangqameko,
- Wonke amangqameko angayihambisa i COVID-19, kuquka neselula kunye ne tablets- ukuba kunemfuneko yob usebenzise ifowini yakho nomnye umntu, landela le miqathango ilapha ngezantsi,
- Khumbula ukuba le ntsholongwane inwenwa ngaye nawuphi na umntu, isiya kuye nawuphi na umntu, ngawo nawaphi na amangqameko-landela le miqathango yaseburhulumenteni kuyo nayiphi na into oyenza yonke imihla kunye nezinto ozibambayo, ukuze uzigcine wena nelali yakho nikhuselekile.

- Coca ifowuni yakho ngokuyosula ngelaphu elifafazelwe into ebulala iintsholongwane.
- Iselula yakho iphatha iintsholongwane ezininzi ukuhlula indawo yokuchopha ekwigumbi langasese.
- Ubuso obu befowuni buyiglass kunye nenkcenkce le yakhiwe ngayo ifowuni iyenza kubeyeyona ndawo ilungileyo yokuhlala intsholongwane ye chonora.




Ukucoca amangqameko
